Yintoni isifo sotyatyazo
Isifo sotyatyazo sisifo umntu asifumana ngokusela amanzi okanye ngokutya ukutya okuqulethe intsholongwane yesifo sotyatyazo.
Intsholongwane ebanga isifo sotyatyazo ifumaneka kwilindle labantu
Sisasazeka njani isifo sotyatyazo
Ngokusela amanzi kunye nokutya ukutya okungcoliswe yintsholongwane yesifo sotyatyazo
Ubona njani ukuba umntu unesifo sotyatyazo
Ukuba umntu ngesiquphe nje unesisu esihambisayo (ilindle elimanzi eliburayisi)
Ukuba ngaba umntu ulahlekelwa ngamanzi amaninzi emzimbeni okusisiphumo sokugabha kunye nesisu esihambisayo
Kwakhona ukuba ngaba umntu unezimpawu zilandelayo:
uziva ebuthathaka ukhalaza ngenkantsi ezingalweni nasemilenzeni isikhumba siyabanda kwaye sishwabene amehlo atshonileyo kunye nofokotho ebantwaneni amehlo atshonileyo kunye nomlomo owomileyo ebantwini abadala
Ungasithintela njani isifo sotyatyazo
Qinisekisa ukuba amanzi owasebenzisayo ekuseleni kunye nasekuhlambeni iziqhamo kunye nemifuno abilisiwe okanye acociwe
Ukubilisa amanzi: Wapheke amanzi ade aphume amaqam wayeke abile umzuzu omnye ngaphezululu
Ukucoca amanzi: Faka itisipuni e-1 yeblitshi kwiilitha ezingama-25 zamanzi. Wayeke ogqunyiwe amanzi iiyure ezi-2 okanye ngaphezulu phambi kokuba uwasebenzise
Kuhlambe ngamanzi abilisiweyo okanye acociweyo ukutya okungaphekwanga phambi kokuba ukutye.
Yitya ukutya okuphekisisiweyo kwaye okuseshushu xa kuphakwa
Kufudumeze ngocoselelo ukutya okuphekiweyo
Zihlambe ngamanzi abilisiweyo okanye acociweyo iziqulatho zasendlini zamanzi, iimbiza kunye nezitya
Sebenzisa ikomityi ecocekileyo ukukha amanzi kwisiqulatho esikhulu.
Yakha izindlu zangasese zee-VIP okanye ezembelwa imingxunya phantsi kude nemithombo yamanzi (umlambo okanye umthombo)
Ungawusebenzisi njengendlu yangasese umlambo, kodwa sebenzisa izindlu zangasese zee-VIP okanye ezembelwa imingxunya phantsi.
Hlamba izandla zakho ngamanzi abilisiweyo okanye acociweyo emva kokusebenzisa indlu yangasese kunye naphambi kokuba uphathe ukutya.
Ungamnceda kanjani umntu osele enesifo sotyatyazo?
Banike umxube omninzi weswekile netyuwa ukuba basele.
Uwenza njani umxube weswekile netyuwa
Thatha ilitha yamanzi abilisiweyo okanye anyangiweyo, faka iitisipuni ezisi-8. ezilungeleleneyo zeswekile kunye nesiqingatha setisipuni yetyuwa kwaye uzidibanise kunye.
Wunike lo mxube ngokwamathamo amancinane kaninzi kangangoko
OKUBALULEKILEYO
Khumbula, hlala umnika umxube weswekile netyuwa umntu ophethwe sisifo sotyatyazo.
Ukuba ngaba ufuna ulwazi oluthe vetshe, okanye ucinga ukuba unesifo sotyatyazo, okanye ilungu losapho lwakho okanye uluntu umntu omaziyo, tyelela ikliniki yakho, isibhedlela, ugqirha okanye umsebenzi ngezempilo okukufutshane nawe
